Uncedo lweZifundo
Moronayi, unyana kaMormoni


Moronayi, unyana kaMormoni

Umprofeti wokugqibela wamaNifayithi kwiNcwadi kaMormoni (malunga E.K. 421). Kanye phambi kokufa kukaMormoni, wanikela imbali enembali ekuthiwa ngamacwecwe kaMormoni kunyana wakhe uMoronayi (M kaM 1:1). UMoronayi wagqiba ukuhlanganisela amacwecwe kaMormoni. Wanzeza izahluko 8 nese 9 kwincwadi kaMormoni (Morm. 8:1). Washwankathela waza wabandakanya incwadi kaEtere (Etere 1:1–2) kwaye wongeza incwadi eyiyeyakhe ekuthiwa yincwadi kaMoronayi (Moro. 1). UMoronayi wawatywina amacwecwe waza wawafihla kwinduli iKhumora (Morm. 8:14; Moro. 10:2). Ngowe-1823 uMoronayi wayethunyelwe njengesiqu esivusiweyo ukuba atyhile iNcwadi kaMormoni kuJoseph Smith (I&M 27:5; M—JS 1:30–42, 45). Wayalela umprofeti olula qho ngonyaka ukususela kowe-1823 kuye kowe-1827 (M—JS 1:54) kwada ekugqibeleni wawanikezela amacwecwe kuye ngowe-1827 (M—JS 1:59). Emva kokugqiba uguqulelo uJoseph Smith wawabuyisela amacwecwe kuMoronayi.

Incwadi kaMoronayi

Yincwadi yokugqibela kwiNcwadi kaMormoni. Yayibhalwe ngumprofeti wokugqibela wamaNifayithi, uMoronayi. Izahluko 1–3 zibalisa ngentshabalalo yokugqibela yamaNifayithi, zinika umyalelo ngokunikelwa koMoya oyiNgcwele nobubingeleli. Izahluko 4–5 zichaza indlela echanekileyo yolungiselelo lomthendeleko. Isahluko 6 sishwankathela umsebenzi weBandla. Izahluko 7–8 ziintshumayelo kwimigaqo yokuqala yevangeli, zibandakanya neemfundiso ngoMormoni ngokholo, ithemba, nothando lwenene nangendlela yokugweba okulungileyo nokubi (Moro. 7), nenkcazelo kaMormoni yokokuba abantwana abancinane baphilile kuKrestu kwaye akufuneki bebhaptiziwe (Moro. 8). Isahluko 9 sichaza inkohlakalo yesizwe samaNifayithi. Isahluko 10 singumyalezo wokugqibela kaMoronayi kwaye sibandakanya indlela yokwazi inyaniso yeNcwadi kaMormoni (Moro. 10:3–5).

Shicilela