Uncedo lweZifundo
Zulu


Zulu

Igama zulu lineentsingiselo ezimbini kwizibhalo. (1) Yindawo apho uThixo ahlala kuyo nekhaya lexesha elizayo labaNgcwele (Gen. 28:12; IiNd. 11:4; Mat. 6:9). (2) Sisibhakabhaka esijikeleze umhlaba (Gen. 1:1, 17; Eks. 24:10). Izulu ngokucacileyo aliyiyo iparadesi, eyindawo yomzuzwana yoomoya abathembekileyo yabo babephile baza bafa kulo mhlaba. UYesu watyelela iparadesi emva kokufa Kwakhe emnqamlezweni, kodwa ngosuku lwesithathu, Yena wazisa uMariya ukuba Yena akakathi aye kuYise (Luka 23:39–44; Yoh. 20:17; I&M 138:11–37).