Uncedo lweZifundo
Moya oyiNgcwele


Moya oyiNgcwele

Ilungu lesithathu leNtloko yobuThixo (Ⅰ Yoh. 5:7; I&M 20:28). Usisiqu soMoya, enganamzimba wenyama namathambo (I&M 130:22). UMoya oyiNgcwele kusoloko kubhekiswa kuye njengoMoya, okanye uMoya kaThixo.

UMoya oyiNgcwele wenza imisebenzi eyahlukeneyo ebalulekileyo kwicebo losindiso. (1) Unika ubungqina boYise noNyana (Ⅰ Kor. 12:3; 3 Nif. 28:11; Etere 12:41). (2) Utyhila inyaniso yezinto zonke (Yoh. 14:26; 16:13; Moro. 10:5; I&M 39:6). (3) Ungcwalisa abo baguqukileyo baza babhaptizwa (Yoh. 3:5; 3 Nif. 27:20; Moses 6:64–68). (4) UnguMoya oyiNgcwele weSithembiso (I&M 76:50–53; 132:7, 18–19, 26).

Amandla oMoya oyiNgcwele anako ukuza phezu komntu phambi kobhaptizo aze angqine okokuba ivangeli iyinyani. Kodwa ilungelo lokuba nobuqabane obuthe rhoqo boMoya oyiNgcwele, nanini na omnye efanelekile, sisipho esinako ukufunyanwa kuphela ngokubekwa kwezandla ngophethe uBubingeleli bukaMelkitsedeke emva kobhaptizo olugunyazisiweyo kulo iBandla eliyinyani likaYesu Krestu.

UYesu wafundisa okokuba zonke izono zinako ukuxolelwa ngaphandle kokunyelisa ngokuchasene noMoya oyiNgcwele (Mat. 12:31–32; Marko 3:28–29; Luka 12:10; Heb. 6:4–8; I&M 76:34–35).