Uncedo lweZifundo
Zitshixo zoBubingeleli


Zitshixo zoBubingeleli

Izitshixo ngamalungelo obongameli, okanye igunya elinikwe indoda nguThixo ukuba yalathe, ilawule, kwaye iphathe ububingeleli bukaThixo emhlabeni. Abaphethe ububingeleli babizelwa kwizikhundla zobongameli bafumana izitshixo kwabo basemagunyeni phezu kwabo. Abaphethe ububingeleli basebenzisa ububingeleli kuphela ngaphakathi kwemida esikiweyo ngabo baphethe izitshixo. UMongameli weBandla kuphela komntu emhlabeni ophethe kwaye ogunyazisiweyo ekusebenziseni izitshixo qobubingeleli (I&M 107:65–67, 91–92; 132:7).