Uncedo lweZifundo
Yosefu, umyeni kaMariya


Yosefu, umyeni kaMariya

Umyeni kaMariya, unina kaYesu. UYosefu yinzala kaDavide (Mat. 1:1–16; Luka 3:23–38) kwaye wayehlala eNazarete. Wayeganelwe uMariya. Kanye phambi komtshato wabo, uMariya wafumana utyelelo oluvela kwingelosi uGabriyeli, owavakalisa ukuba uMariya wayekhethelwe ukuba ngunina woMsindisi (Luka 1:26–35). UYosefu kanjalo wafumana isityhilelo sokuzalwa kunyulu (Mat. 1:20–25).

UMariya ukuphela komzali wasemhlabeni kaYesu ngenxa yokuba uThixo uYise wayenguyise kaYesu. Kodwa amaYuda acingela uYosefu njengoyise kaYesu, noYesu wamthatha kanjalo (Luka 2:48, 51). Walunyukiswa ngamaphupha asemazulwini, uYosefu walondoloza ubomi bomntwana uYesu ngokusabela eYiputa (Mat. 2:13–14). Emva kokuba uHerode efile, ingelosi yayalela uYosefu athabathe umntwana uKrestu abuyele kwaSirayeli (Mat. 2:19–23).