Uncedo lweZifundo
Rute


Rute

KwiTestamente eNdala, ngumolokazana naNahomi noElimeki, engumMowabhikazi, ababengamaSirayeli. Emva kokufa kwendoda yakhe, uRute watshata noBhohazi isihlobo sendoda kaNahomi. Unyana wabo uObhedi wayesisinyanya sikaDavide. Ibali likaRute licacisa kakuhle ngokuguqulelwa kongenguye umSirayeli kumhlambi wakwaSirayeli. URute wancama uthixo wakhe wakuqala nobomi bakuqala ezimanya kunye nendlu yokholo ekukhonzeni uThixo kaSirayeli (Rute 1:16).

Incwadi kaRute

Isahluko 1 sichaza ubomi bukaElimeleki nosapho lwakhe kwaMowabhi. Emva kokufa kwamadoda abo, uNahomi noRute baya eBhetelehem. Isahluko 2 sichaza okokuba uRute wabhikica emasimini kaBhohazi. Isahluko 3 sibalisa ukuba uNahomi wamyalela njani uRute aye esandeni aze alale ezinyaweni zikaBhohazi. Isahluko 4 silibali lomtshato kaRute noBhohazi. Baba nonyana, uObhedi, ngomlibo wakhe uDavide noKrestu beza.