Uncedo lweZifundo
Yeremiya


Yeremiya

Umprofeti weTestamente eNdala owazalwa lusapho lwababingeleli kwaye waprofetha kwaYuda ukususela kuma-626–586 P.K. Waphila kufutshane nexesha labanye abaprofeti abakhulu: uLihayi, uHezekile, uHoseya, noDaniyeli.

UYeremiya wayemiselwe kubomi bangaphambili (Yer. 1:4–5). Ngethuba lakhe eliphantse langamashumi amane eminyaka engumprofeti wafundisa ngokuchasene nonqulo lwezithixo nokungendawo phakathi kwabantu bamaYuda (Yer. 3:1–5; 7:8–10). Wathi wajongana nenkcaso eqhubekekayo nokugculelwa (Yer. 20:2; 36:18–19; 38:4). Emva kokuwa kweYerusalem, amaYuda asabela eYiputa athabatha uYeremiya kunye nawo (Yer. 43:5–6), apho, ngokwesithethe, amxuluba ngamatye wafa.

Incwadi kaYeremiya

Izahluko 1–6 ziqulathe iziprofetho ezazinikwe ngethuba lolawulo lukaYosiya. Izahluko 7–20 ziziprofetho ngethuba lexesha likaYehoyakim. Izahluko 21–38 zithetha ngolawulo lukaZedekiya. Izahluko 39–44 ziqulathe iziprofetho kwaye zichaza iziganeko zembali emva kokuwa kweYerusalem. Isahluko 45 siqulathe isithembiso sikaBharuki, unobhala wakhe, okokuba ubomi bukaBharuki buya kulondolozwa. Ekugqibeleni, izahluko 46–51 ziziprofetho ngokuchasene nezizwe zasemzini. Isahluko 52 sisiphelo esiyimbali. Ezinye iziprofetho zikaYeremiya zaziqulathwe emacwecweni obhedu kaLabhan afunyanwa nguNifayi (1 Nif. 5:10–13). UYeremiya kanjalo ukhankanywe amanye amaxesha amabini kwiNcwadi kaMormoni (1 Nif. 7:14; Hil. 8:20).

Incwadi kaYeremiya kanjalo ibandakanya ukwazisa ngobukho bomntu kubomi bangaphambili nokumiselwa kwangaphambili kukaYeremiya (Yer. 1:4–5); isiprofetho sokubuya kukaSirayeli kwimeko yabo yokuchithwa, ukuhlanganisela omnye wesixeko nababini bosapho eZiyon, ilizwe elimnandi apho uSirayeli noYuda banokuhlala kukhuseleko naseluxolweni (Yer. 3:12–19); nesiprofetho seNkosi sokuhlanganisela uSirayeli ukusuka kumazwe asentla ngokuthumela “abalobi beentlanzi” abaninzi “nabazingeli” ukubafumana (Yer. 16:14–21). Esi siganeko semihla yokugqibela siya kuba sikhulu ngakumbi kunolinganiselo wokukhutshwa kwamaSirayeli eYiputa (Yer. 16:13–15; 23:8).