Uncedo lweZifundo
Xolela


Xolela

Njengoko esetyenziswe kwizibhalo, ukuxolela jikelele kuthetha enye yezi zinto zimbini: (1) Xa uThixo exolela abantu, Yena ucima okanye abekele ecaleni isohlwayo esifunekayo sesono. NgeNtlawulelo kaKrestu, uxolelo lwezono lukhona kubo bonke abaguqukayo, ngaphandle kwabo banobutyala bokubulala okanye isono esingaxolelekiyo ngokuchasene noMoya oyiNgcwele. (2) Njengokuba abantu bexolelana omnye nomnye, baphathana omnye nomnye ngothando olunye ngolukaKrestu baze bangabi neemvakalelo ezimbi ngakwabo babethe babona (Mat. 5:43–45; 6:12–15; Luka 17:3–4; 1 Nif. 7:19–21).