Uncedo lweZifundo
Gadi, unyana kaYakobi


Gadi, unyana kaYakobi

KwiTestamente eNdala, unyana kaYakobi noZilipa (IGenesis 30:10–11). Isizukulwana sakhe sibe sisizwe sikaSirayeli.

Isizwe sikaGadi

Intsikelelo kaYakobi kunyana wakhe uGadi, khangela IGenesis 49:19. Intsikelelo kaMoses kwisizwe sikaGadi, khangela iDuteronomi 33:20–21. Ngokunxulumene nezi ntsikelelo, izizukulwana zikaGadi zaziluhlanga oluthanda imfazwe. Imihlaba eyayabelwe kuzo kwilizwe laseKanan yayiyimpumalanga yoMlambo iYordan kwaye yayinomhlaba wamadlelo olungileyo onamanzi amaninzi.