Uncedo lweZifundo
EkaYuda


EkaYuda

KwiTestamente eNtsha, omnye wabazalwana bakaYesu nongumbhali mhlawumbi wencwadi kaYuda (Mat. 13:55; Yuda 1:1).

Incwadi kaYuda

Le ncwadi iqulathe ileta evela kuYuda eya kwabaNgcwele abathile ababesiya beba buthathaka elukholweni. Babenziwa buthathaka ngabo babephakathi kwabo ababebanga ukuba ngamaKrestu kodwa babesenza unqulo lobuhedeni olungendawo kwaye bebanga ukuba bakhululwe ekuthobeni umthetho wokuziphatha kakuhle. UYuda wanqwenela ukuvuselela abaNgcwele kuluvo lwengozi yabo ngokwasemoyeni nokubakhuthaza bahlale bethembekile.

Imihlathi ethile eqaphelekayo kwekaYuda yivesi ye-6, ebalisa ngemfazwe emazulwini nokuphoselwa ngaphandle kukaLusifa neengelosi zakhe ukusuka kobo bume bobomi bangaphambili (Abr. 3:26–28), neevesi ze-14–15, ezicaphula isiprofetho esenziwa nguEnoki.