Uncedo lweZifundo
Moya


Moya

Laa nxenye yesiqu esiphilayo ekhoyo phambi kokuzalwa komzimba onokufa, ehleli emzimbeni wenyama ngethuba lomzimba onokufa, nephilayo emva kokufa njengesiqu esahlukeneyo kude kube luVuko. Zonke izinto eziphilayo—uluntu, izilwanyana, nezityalo—zazingoomoya phambi kwaso nasiphina isimo sobomi phezu komhlaba (Gen. 2:4–5; Moses 3:4–7). Umzimba womoya ukhangeleka njengomzimba wenyama (1 Nif. 11:11; Etere 3:15–16; I&M 77:2; 129). Umoya uyinto, kodwa ucukizekile ngaphezulu okanye unyulu kunesiqalelo okanye into enokufa (I&M 131:7).

Wonke umntu ngokwenene ungunyana okanye intombi kaThixo, ethe wazalwa njengomoya ngaBazali baseMazulwini phambi kokuzalwa ngabazali abanomzimba onokufa (Heb. 12:9). Umntu ngamnye emhlabeni unomzimba ongafiyo womoya owongezelelwe emzimbeni wenyama namathambo. Njengokuba ngamanye amaxesha kuchaziwe kwizibhalo, umzimba wasemoyeni nowasenyameni kunye yenza umphefumlo (Gen. 2:7; I&M 88:15; Moses 3:7, 9, 19; Abr. 5:7). Umoya unako ukuphila ngaphandle komzimba wasenyameni, kodwa umzimba wasenyameni awunako ukuphila ngaphandle komoya (Yak. 2:26). Ukufa kwasenyameni kukwahlukana komoya emzimbeni. EluVukweni, umoya udityaniswa kwakunye nomzimba wasenyameni wenyama namathambo ubunawo njengomzimba onokufa, ngokwahlukeneyo okubini okukhulu: azisayi kube zahlukane kwakhona, kwaye umzimba wasenyameni uya kuba ngumzimba ongenakufa nokugqibeleleyo (Alma 11:45; I&M 138:16–17).

Oomoya abangcolileyo