Uncedo lweZifundo
Ntaba yeMinquma


Ntaba yeMinquma

Induli esempumalanga yeNtlambo yaseKidron, empumalanga yeYerusalem. Emathambekeni ayo asentshonalanga, kufutshane nomzantsi, sisitiya saseGetsemane. IBhetefage neBhetani zifunyanwa ngentla nasempumalanga yethambeka. Le ntaba yayiyindawo yeziganeko ezininzi zasebhayibhileni (Mat. 24:3) kananjalo iya kuba yindawo ebalulekileyo kwiziganeko zamihla yokugqibela (Zek. 14:3–5; I&M 45:48–54; 133:20).