Uncedo lweZifundo
Sikolo sabaprofeti


Sikolo sabaprofeti

EKirtland, eOhio (Mdibanibo waMazwe aseAmerika), ngobusika bowe-1832–1833, iNkosi yayalela uJoseph Smith alungiselele isikolo ngenjongo yokuqeqesha abazalwana kuzo zonke izinto eziphathelele kwivangeli nobukumkani bukaThixo. Kwesi sikolo kweza iinkolelo zangaphambili ezininzi zeBandla. Esinye isikolo sabaprofeti okanye abadala sasilawulwa nguParley P. Pratt eJackson Khawunti, eMissouri (I&M 97:1–6). Izikolo ezifanayo zabakho kufutshane nje emva kokuba abaNgcwele bafudukela eNtshonalanga; nangona ke, ezi kamsinyane azizange ziqhubeke. Imfundiso yevangeli namhlanje yenziwa ekhayeni leekhoram zobubingeleli, kwaye amasebe eemanyano ezahlukahlukeneyo, nangezikolo zeBandla neseminari neeklasi zeinstityuthu.