Uncedo lweZifundo
Yakobi, unyana kaIsake


Yakobi, unyana kaIsake

Usolusapho weTestamente eNdala nomprofeti; omncinane woonyana abangamawele bakaIsake noRebheka (Gen. 25:19–26). UYakobi wazuza ilungelo ngokuzalwa phezu komntakwabo uEsawu. Oku kwakungenxa yokufaneleka kukaYakobi nokutshatela kwakhe emnqophisweni, ngethuba uEsawu walicekisa ilungelo lakhe ngokuzalwa waza watshata ngaphandle komnqophiso (Gen. 25:30–34; 26:34–35; 27; 28:6–9; Heb. 12:16).