Uncedo lweZifundo
Kuwa kuka-Adam noEva


Kuwa kuka-Adam noEva

Indlela uluntu olube nokufa ngayo kulo mhlaba. Xa uAdam noEva badla umthi owalelweyo, baba nomzimba onokufa, oko kukuthi, bazingenisa phantsi kwesono nokufa. UAdam waba “yinyama yokuqala” phezu komhlaba (Moses 3:7). Isityhilelo semihla yokugqibela senza kucace okokuba uKuwa yintsikelelo nokokuba uAdam noEva bamele ukunikwa imbeko njengabazali bokuqala balo lonke uluntu.

UKuwa kwakulinyathelo eliyimfuneko kwinkqubela phambili yomntu. Ngenxa yokuba uThixo wazi okokuba uKuwa kuya kwenzeka, wathi Yena wakucebela uMsindisi kwakubomi bangaphambili. UYesu Krestu weza ngexesha lemeridiyani ehlawulela uKuwa kuka-Adam kananjalo izono zomntu oyedwa ngesizathu senguquko yomntu.