Uncedo lweZifundo
Mateyu


Mateyu

UMpostile kaYesu Krestu nombhali wencwadi yokuqala kwiTestamente eNtsha. UMateyu, umYuda owangumbuthi werhafu yamaRoma eKapernahum, mhlawumbi wayekhonza uHerode Antipasi. Wayesaziwa phambi kokuguquka kwakhe njengoLevi, unyana ka-Alifeyu (Marko 2:14). Kamsinyane emva kobizo lwakhe abe ngumfundi kaYesu, wenza isidlo apho iNkosi yaba khona (Mat. 9:9–13; Marko 2:14–17; Luka 5:27–32). UMateyu mhlawumbi wayenolwazi olubanzi ngezibhalo zeTestamente eNdala kwaye wayenako ukubona ukuzalisekiswa kweziprofetho ezichaziweyo zobomi beNkosi. Ngobomi boMpostile bamva kuncinane okwaziwayo. Isithethe esinye singqina ukuba wafa ukufa komfeli-nkolo.

IVangeli kaMateyu

Incwadi yokuqala kwiTestamente eNtsha. IVangeli kaMateyu mhlawumbi yayibhalelwe ekuqaleni ukusetyenziswa ngamaYuda ePalestina. Isebenzisa izicatshulwa ezininzi ezivela kwiTestamente eNdala. Injongo ka Mateyu eyintloko yayikukubonisa okokuba uYesu wayenguMesiya ekwathethwa ngaye ngabaprofeti beTestamente eNdala. Kanjalo wacinezela ukuba uYesu nguKumkani noMgwebi wabantu.

Uluhlu lweziganeko kubomi boMsindisi oluchazwe kwiVangeli kaMarko, khangela kuNgqinelwano lweeVangeli kwisihlomelo.