Uncedo lweZifundo
Meshaki


Meshaki

KwiTestamente eNdala, uShadraki, Meshaki, noAbhede-nego babengabafana abathathu bamaSirayeli, baziswa ebhotweni likaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhilon bekunye noDaniyeli. Igama likaMeshaki lesiHebhere lalinguMishayeli. Abafana abane bala ukuzingcolisa ngokudla inyama kakumkani newayini (Dan. 1). UShadraki, Meshaki, noAbhede-nego bajulelwa ezikweni lomlilo ngukumkani kwaye balondolozwa ngokumangalisayo nguNyana kaThixo (Dan. 3).