Uncedo lweZifundo
Mbono woKuqala


Mbono woKuqala

Ukubonakala kukaThixo uYise noNyana Wakhe uYesu Krestu ku Mprofeti uJoseph Smith kwihlathi lemithi.

Ngentwasahlobo yowe-1820, uJoseph Smith Omnci. wayekwiminyaka yakhe yeshumi elinesihlanu. Wayehlala nosapho lwakhe kwidolophana yasePalmyra, eNew York. Umgama omfutshane entshonalanga yekhaya losapho kwakukho ihlathi lemithi emikhulu. UJoseph waya kule ndawo esiya kuthandaza kuThixo ukuze afunde ukuba leliphi na ibandla elalilungile. Wayethe wathabatheka ngethuba awayefunda iBhayibhile okokuba umele ukufuna loo mpendulo kuThixo (Yak. 1:5–6). Ekuphendulweni emthandazweni wakhe, uYise noNyana babonakala kuye baze bamxelela ukuba angazimanyi nalo nalinye aloo mabandla angoko asemhlabeni, kuba onke ayengalunganga (M—JS 1:15–20). La mava angcwele aqalisa uthotho lweziganeko ezaziya kuzisa uBuyiselo lwevangeli neBandla eliyinene likaKrestu.