Uncedo lweZifundo
Iincwadi zikaPawulos


Iincwadi zikaPawulos

Ziincwadi ezilishumi elinesine kwiTestamente eNtsha ezazibhalelwe kwasekuqaleni amalungu eBandla nguMpostile uPawulos. Zinokwahlulwa zibe ngamaqela anje ngokulandelayo:

KwabaseTesalonika Ⅰ na Ⅱ (E.K. 50–51)

UPawulos wabhala iincwadi eziya kwabaseTesalonika zivela eKorinte ngethuba lohambo lomsebenzi wesibini wakhe. Umsebenzi wakhe eTesalonika uchazwe kwi-Izenzo 17. Wafuna ukubuyela eTesalonika, kodwa akakwazanga ukwenza njalo (Ⅰ Tes. 2:18). Ke ngoko wathumela uTimoti ukomeleza amagqobhoka aze amzisele ilizwi nokuba ayeqhuba njani na. Incwadi yokuqala isisiphumo sombulelo wakhe ekubuyeni kukaTimoti. Incwadi yesibini yayibhalwe ithuba elifutshane emva koko.

KwabaseKorinte Ⅰ na Ⅱ, KumaGalati, KwabaseRoma (E.K. 55–57)

UPawulos wabhala iincwadi eziya kwabaseKorinte ngethuba lohambo lwakhe lwesithathu lobufundisi ephendula imibuzo kwaye elungisa isiphithiphithi phakathi kwabaNgcwele eKorinte.

Incwadi eya kumaGalati inokuba yayithe yabhalelwa amaqela amaninzi eBandla kulo lonke elaseGalati. Amanye amalungu eBandla ayelahla ivangeli ethanda umthetho wamaYuda. Kule ncwadi, uPawulos wachaza injongo yomthetho kaMoses nexabiso lenkolo ngokwasemoyeni.

UPawulos wabhalela abaseRoma incwadi eseKorinte, inxalenye elungiselela abaNgcwele baseRoma utyelelo awayethemba ukulwenza kubo. Le ncwadi kanjalo iqinisekisa kwakhona iimfundiso ezaziphikiswa ngabanye bamaYuda awayeguqulelwe kubuKrestu.

KwabaseFilipi, KwabaseKolose, Kwabase-Efese, KuFilemon, KumaHebhere (E.K. 60–62)

UPawulos wabhala ezi ncwadi ngexesha awayesentolongweni okokuqala eRoma.

UPawulos wabhala incwadi eya KwabaseFilipi ikakhulu ukubonisa umbulelo wakhe nothando kwabaNgcwele baseFilipi nokudaneni kukubanjwa kwakhe ithuba elide.

UPawulos wabhala incwadi eya KwabaseKolose njengesiphumo sengxelo sokuba abaNgcwele baseKolose babesiwela kwimpazamo enkulu. Babekholelwa ukuba ugqibelelo luza ngokuqwalasela imimiselo yangaphandle yodwa kunokukhulisa isimilo esifana nesikaKrestu.

Incwadi eya Kwabase-Efese ibaluleke kakhulu, kuba iqulathe iimfundiso zikaPawulos ngeBandla likaKrestu.

Incwadi eya KuFilemon yincwadi yangasese ngo-Onesimo, ikhoboka elathi laqhatha inkosi yalo, uFilemon, laza labalekela eRoma. UPawulos wabuyisela uOnesimo enkosini yakhe nencwadi ecela ukuba uOnesimo axolelwe.

UPawulos wabhala incwadi eya KumaHebhere kumalungu angamaYuda eBandla ewathundeza okokuba umthetho kaMoses wathi wabe uzalisekisiwe kuKrestu nokokuba umthetho wevangeli kaKrestu wathi wathabatha indawo yawo.

KuTimoti Ⅰ no Ⅱ, KuTito (E.K. 64–65)

UPawulos wabhala ezi ncwadi emva kokuba wayekhululwe entolongweni eRoma ixesha lokuqala.

UPawulos wahamba waya e-Efese, apho washiya uTimoti ayekise ukukhula kweentlobo ezithile zentelekelelo, eceba ukubuyela emva koko. Wabhala incwadi yakhe yokuqala eya kuTimoti, mhlawumbi eseMakedoni, emcebisa kwaye emkhuthaza ekuzalisekiseni umsebenzi wakhe.

UPawulos wabhala incwadi eya kuTito ngexesha xa wayekhululwe entolongweni. Usenokuba wayethe watyelela iKrete, apho uTito wayekhonza khona. Incwadi iphathelele kakhulu ngokuphila ngokulungileyo nengqeqesho ngaphakathi kweBandla.

UPawulos wabhala incwadi yakhe yesibini eya kuTimoti ngexesha esentologweni ixesha lesibini, kufutshane ngaphambi kofelo-nkolo lukaPawulos. Le ncwadi iqulathe amazwi okugqibela kaPawulos nokubonisa inkalipho emangalisayo nentembeko awajongana nokufa ngayo.