Uncedo lweZifundo
Lote


Lote

KwiTestamente eNdala, ngunyana kaHaran nongumtshana ka-Abraham (Gen. 11:27, 31; Abr. 2:4). UHaran wafa ngenxa yendlala eUre (Abr. 2:1). ULote wayishiya iUre noAbraham noSara waza wahamba nabo ukuya eKanan (Gen. 12:4–5). ULote wakhetha ukuhlala eSodom. INkosi yathumela izithunywa zilumkise uLote asabe eSodom phambi kokuba iNkosi iyitshabalalise ngenxa yenkohlakalo yabantu (Gen. 13:8–13; 19:1, 13, 15); nangona kunjalo, umfazi kaLote wajonga ngasemva ekutshatyalalisweni waza waba yintsika yetyuwa (Gen. 19:26). ITestamente eNtsha iqulathe izalathiso kuLote (Luka 17:29; Ⅱ Petr. 2:6–7). Ubomi bakhe emva kokwahlukana noAbraham buchazwe kwiGenesis 13, 14, and 19.