Uncedo lweZifundo
Xesha lokuzihlanganisela


Xesha lokuzihlanganisela

Ixesha lokuzihlanganisela le vangeli lithuba lexesha apho iNkosi ethe ubuncinane yaba nesicaka esigunyazisiweyo esinye emhlabeni esiphethe izitshixo zobubingeleli obungcwele.

UAdam, uEnoki, uNowa, uAbraham, uMoses, uYesu Krestu, uJoseph Smith, nabanye baqala ngamnye ixesha lenzaliseko le vangeli. Xa iNkosi ilungiselela ixesha lenzaliseko, ivangeli ityhilwa ngokutsha ukuze abantu beloo xesha lokuzihlanganisela bangabi nakuxhomekeka kumaxesha okuzihlanganisela adlulileyo ngolwazi lecebo losindiso. Ixesha lokuzihlanganisela eliqalwe nguJoseph Smith laziwa “njengexesha lokuzihlanganisela lamaxesha enzaliseko.”