Uncedo lweZifundo
Nifayi, unyana kaNifayi, unyana kaHilamani


Nifayi, unyana kaNifayi, unyana kaHilamani

Omnye wabafundi abalishumi elinesibini bamaNifayithi owayonyulwe nguYesu Krestu ovukileyo kwiNcwadi kaMormoni (3 Nif. 1:2–3; 19:4). Lo mprofeti wathandaza ngamandlakazi eNkosini emele abantu bakhe. UNifayi weva ilizwi leNkosi (3 Nif. 1:11–14). UNifayi kanjalo watyelelwa ziingelosi, wakhupha oomtyholi, wavusa umntakwabo ekufeni, kwaye wanika ubungqina obabungenako ukungakholeleki yezibhalo (3 Nif. 7:15–19; 19:4). UNifayi wagcina imbali yezibhalo (3 Nif. 1:2–3).

Incwadi ka-3 Nifayi

Yincwadi ebhalwe nguNifayi, unyana kaNifayi, kwiNcwadi kaMormoni. Izahluko 1–10 zibonisa ukuzalisekiswa kweziprofetho ngokuza kweNkosi. Umqondiso wokuzalwa kukaKrestu wawunikiwe; abantu baguquka; ngoko ke babuyela enkohlakalweni. Ekugqibeleni, iinkqwithela, iinyikima, izaqhwithi ezimandla, nentshabalalo enkulu zabonisa ukufa kukaKrestu. Izahluko 11–28 zibhala ngokufa kukaKrestu eAmerika. Le yinxenye esembindini wencwadi ka-3 Nifayi. Amazwi amaninzi kaKrestu afana neentshumayelo ezibhalwe eBhayibhileni (umzekelo, Mat. 5–7 no-3 Nif. 12–14). Izahluko 29–30 amazwi kaMormoni kwizizwe zemihla yokugqibela.

Incwadi ka-4 Nifayi

Le ncwadi ineevesi ezingamashumi amane anethoba kuphela, zonke kwisahluko esinye, kodwa iqulatha phantse minyaka engamakhulu amathathu embali yamaNifayithi (34–321 E.K.). Izizukulwana ezahlukeneyo zababhali, kubanda kanywa uNifayi, ezancedisa ukubhala. Iivesi 1–19 zibalisa ukuba emva kotyelelo lukaKrestu owavukayo onke amaNifayithi namaLeymenayithi aguqukela evangelini. Uxolo, uthando, nemvisiswano zalawula. Abafundi abathathu bamaNifayithi, uKrestu awabavumelayo ahlale emhlabeni kude kube kukuBuya kwakhe kweSibini (3 Nif. 28:4–9), balungiselela ebantwini. UNifayi washiya imbali kunyana wakhe uAmos. Iivesi 19–47 ziyimbali yobufundisi buka-Amos (iminyaka engama 84) naleyo yonyana wakhe uAmos (iminyaka eli-112). Ngowa-201 E.K., ikratshi laqalisa ukubangela iingxaki phakathi kwabantu, abazahlalu ngokwamazinga kwaye baqalisa amabandla obuxoki ukuze bafumane inzuzo (4 Nif. 1:24–34).

Iivesi zokugqibela zika-4 Nifayi zibonisa ukuba abantu bathe babuyela kwakhona enkohlakalweni (4 Nif. 1:35–49). Ngowa-305 E.K., uAmos unyana ka-Amos wafa kwaye umntakwabo uAmaroni wazifihla zonke iimbali ezinyulu ukuze zigcinakale ngokhuseleko. UAmaroni kamva wazinikezela iimbali kuMormoni, owabhala iziganeko ezininzi zexesha lobomi bakhe kwaye ngoko ke wazishwankathela (Morm. 1:2–4).