Uncedo lweZifundo
Nauvoo, Illinois (MMA)


Nauvoo, Illinois (MMA)

Isixeko esamiswa ngabaNgcwele beMihla yokuGqibela ngowe-1839 kwisteyti saseIllinois. Sime kuMlambo iMississippi, phantse 320 eekhilomitha ukunyuka umlambo ukuvela eSt. Louis.

Ngenxa yeentshutshiso kwisteyti saseMissouri, abaNgcwele bafuduka kangangeekhilomitha ezi-200 ukuya emntla mpumalanga, phesheya koMlambo iMississippi, nokuya kungena eIllinois, apho bafumana iimeko ezamkeleke ngakumbi. Ekugqibeleni, abaNgcwele bathenga umhlaba kufutshane nesixeko saseCommerce. Lo mhlaba wawuyintlango yomgxobhozo wokwenene unezakhiwo kuphela eziphantsi. AbaNgcwele bawomisa umhlaba baza bamisa amakhaya. UJoseph Smith wafudusela usapho lwakhe kwikhaya elincinane elenziwe ngemithi. Igama lesixeko iCommerce latshintshelwa kuNauvoo, emva kwegama lesiHebhere elithetha “intle.”

Amacandelo ahlukaneyo eMfundiso neMinqophiso ayebhalwe eNauvoo (I&M 124–129; 132; 135). AbaNgcwele babexelelwe ukuba bakhe itempile eNauvoo (I&M 124:26–27). Bayakha itempile baza balungiselela iziteyki zaseZiyon phambi kokuba bagxothwe emakhayeni abo ngowe-1846. Isiphumo sole ntshutshiso, abaNgcwele bayishiya ingingqi baza uhambo lwabo oluya entshonalanga.