Uncedo lweZifundo
Bhaptiza, Bhaptizo


Bhaptiza, Bhaptizo

Igama elisetyenzisiweyo kwisicatshulwa esiyimvelaphi yesiGrike lithetha “ukuthi nkxu” okanye “ntywilisela.” Ubhaptizo ngontywiliselo emanzini ngulowo unegunya ngummiselo otshayelelayo wevangeli kwaye luyimfuneko ekubeni lilungu leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Lukholelwa yinkolo kuYesu Krestu nayinguquko. Lumele ukulandelwa kukufumana isipho soMoya oyiNgcwele ukuze lugqibelele (2 Nif. 31:13–14). Ubhaptizo ngamanzi nangoMoya luyimfuneko phambi kokuba umntu abenako ukungena kubukumkani beselestiyali. UAdam waba ngowokuqala ukubhaptizwa (Moses 6:64–65). UYesu kanjalo wabhaptizwa ukuzalisekisa bonke ubulungisa nokubonisa indlela yoluntu lonke (Mat. 3:13–17; 2 Nif. 31:5–12).

Ngenxa yokuba bonke emhlabeni bengenalo ithuba lokwamkela ivangeli besesenyameni, iNkosi igunyazise ubhaptizo lwenzelwe abafileyo ngabameli. Ke ngoko, abo bamkela ivangeli kwilizwe lemimoya banokuba nelungelo kubukumkani bukaThixo.

Imfuneko

Bhaptizo ngontywiliselo

Bhaptizo loxolelo lwezono

Igunya elililo

Iinkcukacha zobhaptizo

Umnqophiso owenziwa ngobhaptizo

Bhaptizelo lwabafileyo

Bhaptizo asilulo olweentsana