Uncedo lweZifundo
Mlibo


Mlibo

Imbali elandela umlibo wesizukulwana elusatsheni. Apho iiofisi zobubingeleli okanye iintsikelelo ezithile zazilinganiselwe kusapho oluthile, imilibo kwizibhalo yayibaluleke kakhulu (Gen. 5; 10; 25; 46; Ⅰ IziKr. 1–9; Ezra 2:61–62; Neh. 7:63–64; Mat. 1:1–17; Luka 3:23–38; 1 Nif. 3:1–4; 5:14–19; Yaromi 1:1–2). KwiBandla elibuyiselweyo namhlanje, amalungu eBandla aqhubeka elandela imilibo yosapho lwawo yomlibo, ingakumbi ekuphawuleni ngokufanelekileyo ookhokho abangasekhoyo ukuze abenako ukwenza immiselo esindisayo egameni lookhoko bawo. Le mimiselo ilungele abo bantu bangasekhoyo abamkela ivangeli kaYesu Krestu elizweni lemimoya (I&M 127–128).