Uncedo lweZifundo
ILevitikus


ILevitikus

Incwadi kwiTestamente eNdala echaza ngemisebenzi yobubingeleli kwaSirayeli. Icinezela ubungcwele bukaThixo nengqokelela yemithetho ecwangcisiweyo abantu Bakhe abanako ukuphila ngayo baze babe ngcwele. Injongo yayo kukufundisa imiyalelo yesimilo neenyaniso zenkolo zomthetho kaMoses ngokwesiko. UMoses wabhala incwadi yeLevitikus.

Izahluko 1–7 zichaza imimiselo yamadini. Izahluko 8–10 zichaza iinkqubo eziqwalaselwa ekungcwaliseni ababingeleli. Isahluko 11 sichaza oko kunokudliwa okanye kungenakudliwa noko kucocekileyo okanye kungacocekanga. Isahluko 12 sixoxa ngabafazi emva kokuzala umntwana. Izahluko 13–15 yimithetho enxibelele ekungcoleni ngokusesikweni. Isahluko 16 siqulathe inkqubo emayiqwalaselwe ngoMhla weNtlawulelo. Izahluko 17–26 ziqulathe ingqokelela yemithetho ecwangcisiweyo yemithetho esebenzana nokuqwalaselwa ngokwasenkolweni nasentlalweni. Isahluko 27 sichaza okokuba iNkosi yayalela uSirayeli angcwalisele izilimo zabo, imihlambi yeegusha, nemihlambi yeenkomo eNkosini.