Uncedo lweZifundo
Lusifa


Lusifa

Ligama elithetha “Okhazimlayo” okanye “Mphathi-kukhanya”. Kanjalo waziwa njengoNyana weKhwezi. ULusifa wayengunyana kaBawo oseZulwini ngokwasemoyeni kwaye wakhokela uvukelo kubomi bangaphambili. Igama Lusifa livela kubekanye kuphela eBhayibhileni (Isaya 14:12). Isityhilelo semihla yokugqibela sinika inkcazo engakumbi ngokuwa kukaLusifa (I&M 76:25–29).