Uncedo lweZifundo
Nafetali


Nafetali

Ngowesithandathu wonyana abalishumi elinesibini bakaYakobi nongumntwana wesibini kaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli (Gen. 30:7–8). UNafetali waba noonyana abane (Ⅰ IziKr. 7:13).

Isizwe sikaNafetali

Intsikelelo kaYakobi kuNafetali ibhalwe kwiGenesis 49:21. Intsikelelo kaMoses kwisizwe sakhe ibhalwe kwiDuteronomi 33:23.