Uncedo lweZifundo
Mika


Mika

Ngumprofeti weTestamente eNdala. Wayeyinzalelwana yaseMoreshente eGati, emathafeni elizwe lakwaYuda, kwaye waprofetha ngexesha uHezekiya wayengukumkani (Mika 1:1–2).

Incwadi kaMika

UMika kuphela kwencwadi kwiTestamente eNdala ebize iBhetelehem njengendawo apho uMesiya wayeya kuzalelwa khona (Mika 5:2). Encwadini iNkosi icebise abantu Bayo kwaye yabalisa ngokulunga Kwayo okudlulileyo kubo; Yena wafuna kubo ubulungisa, inceba, nentobeko (Mika 6:8).