Uncedo lweZifundo
Abhede-nego


Abhede-nego

KwiTestamente eNdala, uShadraki, uMeshaki, noAbhede-nego babengabafana abathathu bamaSirayeli abathi, kunye noDaniyeli, baziswe ebhotweni likaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabhilon. Igama likaAbhede-nego lesiHebhere lalinguAzariya. Abafana abane bala ukuzingcolisa ngokutya inyama kakumkani newayini (Dan. 1). UShadraki, uMeshaki, noAbhede-nego bajulelwa kwiziko elivutha umlilo ngukumkani kodwa bahlangulwa nguNyana kaThixo (Dan. 3).