Uncedo lweZifundo
Obhadiya


Obhadiya

Ngumprofeti weTestamente eNdala owaxela kwangaphambili intshabalalo yase-Edom. Waprofetha mhlawumbi ngethuba lolawulo lukaYehoram (848–844 P.K.) okanye ngethuba lohlaselo lwaseBhabhilon ngowa-586 P.K.

Incwadi ka-Obhadiya

Yincwadi ekwiTestamente eNdala. Inesahluko esinye kuphela. Kuyo, uObhadiya wabhala ngokuwa kwe-Edom kwaye waprofetha okokuba abasindisi baya kuma phezu kweNtaba iZiyon.