Uncedo lweZifundo
Mlambo Yordan


Mlambo Yordan

UMlambo iYordan ubaleka usuka kulwandle lwaseGalili usiya kuLwandle oluFileyo. Umlambo uli-160 leekhilomitha ubude kwaye wenziwa kukudibana kwemifula eyahlukeneyo equkuqela isuka kwiNtaba iHermon. Ngumlambo obaluleke ngokugqithileyo kwaSirayeli.

Iziganeko ezibini ezibalulekileyo ezidibene kunye nalo mlambo kukwahlulwa phakathi komlambo yiNkosi ukwenzela ukuwela kukaSirayeli (Yosh. 3:14–17) nobhaptizo lukaYesu Krestu (Mat. 3:13–17; 1 Nif. 10:9).