Uncedo lweZifundo
Kholo


Kholo

Ukuthembela entweni okanye kothile. Njengoko lisetyenziswa rhoqo ngokona kugqithisileyo kwizibhalo, ukholo kukuqiniseka nokuthembela kuYesu Krestu ukuba ukhokelela umntu ekumthobeleni Ukholo funeka lusekelwe kuYesu Krestu ukuze lukhokelele umntu elusindisweni. AbaNgcwele beMihla yokugqibela kanjalo banokholo kuThixo uBawo, uMoya oyiNgcwele, amandla obubingeleli, nezinye izinto ezibalulekileyo zevangeli ebuyiselweyo.

Ukholo lubandakanya ithemba kwizinto ezingabonwayo, ukuba ziyinyani (Heb. 11:1; Alma 32:21; Etere 12:6). Ukholo luntumekeka ngokuva ivangeli eyafundiswa ngabalawuli abagunyaziswe bethunywe nguThixo (Rom. 10:14–17). Imimangaliso ayiniki kholo, kodwa ukholo olomeleleyo lukhuliswa kukuthobela ivangeli kaYesu Krestu. Ngamanye amazwi, ukholo luza ngobulungisa (Alma 32:40–43; Etere 12:4, 6, 12; I&M 63:9–12).

Ukholo oluyinyani luzisa imimangaliso, imibono, amaphupha, ukuphilisa, nazo zonke izipho zikaThixo azinika abaNgcwele Bakhe. Ngokholo omnye uzuza uxolelo lwezono aze ekugqibeleni abe nako ukuhlala ebusweni bukaThixo. Ukungabi nalukholo kukhokelela omnye ekuncameni, okuza ngenxa yobugwenxa (Moro. 10:22).