Uncedo lweZifundo
Kwenziwa kuMila Kumbi


Kwenziwa kuMila Kumbi

Imeko yabantu abatshintshiweyo okomzuzwana kwimbonakalo nendalo—oko kukuthi, baphakanyiselwa kwinqanaba eliphakame ngakumbi ngokwasemoyeni—khona ukuze babe nako ukunyamezela ubuso nobuqaqawuli beziqu zasemazulwini.

Ukwenziwa kumila kumbi kukaKrestu

UPetros, uYakobi, noYohane babona iNkosi izukisiwe yaza yenziwa kumila kumbi phambi kwabo. UMsindisi wathi ngaphambili wathembisa okokuba uPetros wayeya kufumana izitshixo zobukumkani bamazulu (Mat. 16:13–19; 17:1–9; Marko 9:2–10; Luka 9:28–36; Ⅱ Petr. 1:16–18). Kwesi siganeko sibalulekileyo, uMsindisi, Moses, noEliyasi (uEliya) banika izitshixo ezazithenjisiwe zobubingeleli uPetros, uYakobi, noYohane. Ngezi zitshixo zobubingeleli, aBapostile babenamandla okuqhubekekisa umsebenzi wobukumkani emva koNyuko lukaYesu.

UJoseph Smith wafundisa okokuba kwiNtaba yoKwenziwa kuMila Kumbi, uPetros, uYakobi, noYohane kanjalo benziwa kumila kumbi. Babona umbono womhlaba njengoko uya kubonakala kwimeko yawo ezukileyo yexesha elizayo (I&M 63:20–21). Babona uMoses noEliya, iziqu ezibini ezenziwa kumila kumbi, kwaye beva ilizwi loYise. UYise wathi, “Lo nguNyana wam oyiNtanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena” (Mat. 17:5).

Iziqu ezenziwe kumila kumbi