Uncedo lweZifundo
KwabaseTesalonika, Iincwadi eziya


KwabaseTesalonika, Iincwadi eziya

Ziincwadi ezimbini kwiTestamente eNtsha. Ekuqaleni yayiziincwadi uPawulos awazibhalela amaTesalonika ngethuba awayeseKorinte ngotyelelo lwakhe lokuqala eYurophu kufuphi nama-50 E.K. Umsebenzi wakhe eTesalonika uchazwe kwiZenzo 17. UPawulos wayefuna ukubuyela eTesalonika kodwa wayengenako ukwenza njalo (Ⅰ Tes. 2:18). Ke ngoko wathuma uTimoti ukuba omeleze abaguqukileyo aze amzisele ilizwi lokokuba ayesenza kanjani. UPawulos wabhala incwadi yokuqala njengesiphumo sombulelo wakhe ekubuyeni kukaTimoti.

EyokuQala kwabaseTesalonika

Izahluko 1–2 ziqulathe umbuliso kaPawulos nokuthandazela kwakhe abaNgcwele; izahluko 3–5 zinika umyalelo ngokukhula ngokwasemoyeni, uthando, ubunyulu, inkuthalo, nokuBuya kweSibini kukaYesu Krestu.

EyeseBini kwabaseTesalonika

Isahluko 1 siqulathe ukuthandazelwa kwabaNgcwele. Isahluko 2 sithetha ngokuza kukreqo. Isahluko 3 siqulathe umthandazo kaPawulos ngenxa yokoyisa kwenjongo yevangeli.