Uncedo lweZifundo
Guqulelo lukaJoseph Smith (GJS)


Guqulelo lukaJoseph Smith (GJS)

Uhlaziyo okanye uguqulelo lweNgxelo kaKing James yeBhayibhile esiNgesini, uMprofeti uJoseph Smith awayiqala ngoJuni 1830. Wayeyalelwe nguThixo ekubeni enze uguqulelo aze aluthathe njengenxenye yobizo lwakhe njengomprofeti.

Nangona uJoseph wagqiba uninzi loguqulelo ngoJulayi 1833, waqhubekeka kwade kwaba kukufa kwakhe ngowe-1844 esenza ulungiso ngethuba alungiselela upapasho lombhalo-ngqangi. Nangona wapapasha ezinye iinxenye zoguqulelo ngexesha lokuphila kwakhe, kuyenzeka okokuba ngewayethe wenza iinguqu ezongezelelweyo ukuba wayethe waphila ukuze apapashe wonke umsebenzi. IBandla eliMiselwe Kwakhona likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela lapapapasha uhlelo lokuqalo loguqulelo oluphenjelelweyo lukaJoseph Smith ngowe-1867. Bathe bapapasha iintlelo eziliqela ukususela kwelo xesha.

UMprofeti wafunda izinto ezininzi ngethuba lenkqubo yoguqulelo. Amacandelo ahlukeneyo eMfundiso neMimiselo afumaneka ngenxa yoguqulelo lomsebenzi wakhe (anje ngee I&M 76; 77; 91; ne 132). Kanjalo, iNkosi yanika uJoseph imiyalelo eyodwa ngoguqulelo, eyayibhalwe kwiMfundiso neMinqophiso (I&M 37:1; 45:60–61; 76:15–18; 90:13; 91; 94:10; 104:58; 124:89). Incwadi kaMoses noJoseph Smith—Mateyu, ngoku ibandakanywe kwiPerile yeXabiso eliKhulu, zazithathwe ngqo kuGuqulelo lukaJoseph Smith.

UGuqulelo lukaJoseph Smith luthe lwabuyisela ezinye izinto ezicacileyo nezixabisekileyo ebezithe zalahleka eBhayibhileni (1 Nif. 13). Nangona lungeyiyo iBhayibhile esemthethweni yeBandla, olu guqulelo lunika ingqiqo eninzi enomdla kwaye lubaluleke kakhulu ekuqondeni iBhayibhile. Lukwa bubungqina kanjalo lobizo olunyulu nobufundisi boMprofeti uJoseph Smith.