Uncedo lweZifundo
Qalekisa, Ziqalekiso


Qalekisa, Ziqalekiso

Kwizibhalo, isiqalekiso kukusetyenziswa komthetho onyulu ovumela okanye ozisa izigwebo neziphumo zaso phezu kwento, umntu, okanye okokuqala abantu ngenxa yentswela bulungisa. Iziqalekiso ziimbonakaliso zothando olunyulu lukaThixo nobulungisa. Zinokubizwa ngokuthe ngqo nguThixo okanye zicaciswe zizicaka Zakhe ezigunyazisiweyo. Ngamanye amaxesha, izizathu ezipheleleyo zeziqalekiso zaziswa kuphela nguThixo. Ukongezelela, imeko yesiqalekiso iviwa ngabo abangathobelanga uThixo ngabom kwaye ngoko ke bazirhoxisa eMoyeni weNkosi.

INkosi inokuzisusa iziqalekiso ngenxa yokholo loyedwa okanye lwabantu kaYesu Krestu nokuthobela imithetho nemimiselo yevangeli (Alma 23:16–18; 3 Nif. 2:14–16; V zoK 1:3).

Kungcola

Ukuqalekisa kanjalo kukusebenzisa intetho engcolileyo, enyelisayo, okanye edelelayo.