Uncedo lweZifundo
Malaki


Malaki

UMprofeti weTestamente eNdala owabhala waza waprofetha malunga nowa-430 P.K.

Incwadi kaMalaki

Incwadi okanye isiprofetho sikaMalaki siyincwadi yokugqibela kwiTestamente eNdala. Ibonakala ilandela imixholo emine ebalulekileyo: (1) izono zikaSirayeli—Malaki 1:6–2:17; 3:8–9; (2) izigwebo eziya kuza kuSirayeli ngenxa yokungathobeli—Malaki 1:14; 2:2–3, 12; 3:5; (3) izithembiso ngenxa yokuthobela—Malaki 3:10–12, 16–18; 4:2–3; (4) neziprofetho ngokuphathelele kwaSirayeli—Malaki 3:1–5; 4:1, 5–6 (I&M 2; 128:17; M—JS 1:37–39).

Kwisiprofetho sakhe, uMalaki wabhala ngoYohane uMbhaptizi (Mal. 3:1; Mat. 11:10), umthetho wezishumi (Mal. 3:7–12), ukuBuya kweSibini kweNkosi (Mal. 4:5), nokubuya kukaEliya (Mal. 4:5–6; I&M 2; 128:17; M—JS 1:37–39). UMsindisi wacaphula zonke izahluko zikaMalaki ese-3 nese-4 kumaNifayithi (3 Nif. 24–25).