Uncedo lweZifundo
Mormoni, umprofeti wamaNifayithi


Mormoni, umprofeti wamaNifayithi

Umprofeti wamaNifayithi, injengele yomkhosi, nomgcini weembali kwiNcwadi kaMormoni. UMormoni waphila kwisithuba sama-311–385 E.K. (Morm. 1:2, 6; 6:5–6; 8:2–3). Wayeyinkokeli yomkhosi phantse bonke ubomi bakhe, eqale kwiminyaka elishumi elinesihlanu (Morm. 2:1–2; 3:8–12; 5:1; 8:2–3). UAmaroni wayalela uMormoni azilungiselele ukuba nolawulo lweembali nokugcina iimbali (Morm. 1:2–5; 2:17–18). Emva kokubhala imbali yexesha lobomi obubobakhe, uMormoni washwankathela amacwecwe amakhulu kaNifayi kumacwecwe kaMormoni. Ekugqibeleni wanikela le mbali inyulu kunyana wakhe uMoronayi. La macwecwe ayeyinxenye yembali uJoseph Smith aguqulela kuyo iNcwadi kaMormoni.

AMazwi kaMormoni

Incwadi encinane kwiNcwadi kaMormoni. Phakathi kwamazwi okugqibela ka-Amalekayi kwincwadi kaOmnayi namazwi okuqala kwincwadi kaMozaya, uMormoni, umhleli wazo zonke iimbali, wenza olu fakelelo luncinane. (Khangela “INgxelo eMfutshane malunga neNcwadi kaMormoni” ngaphambili kwiNcwadikaMormoni.)

Incwadi kaMormoni

Incwadi eyahlukileyo esemqulwini wezibhalo eyaziwa njengeNcwadi kaMormoni. Izahluko 1–2 zibalisa ngoAmaroni, umprofeti wamaNifayithi, eyalela uMormoni ngexesha nalapho amakafumane amacwecwe. Kanjalo, iimfazwe ezinkulu zaqala, aza amaNifayithi amaThathu ahluthwa ngenxa yenkohlakalo yabantu. Izahluko 3–4 zibalisa ngoMormoni edandulukela inguquko ebantwini, kodwa babesele bedlulelwe kukuvakalelwa, nenkohlakalo enkulu ngakumbi yayongamele nangaphezu kweyakhe yakho ngaphambili kwaSirayeli. Izahluko 5–6 zibalisa ngeemfazwe zokugqibela phakathi kwamaNifayithi namaLeymenayithi. UMormoni wabulawa kwaye nabaninzi besizwe samaNifayithi. Kwisahluko 7, phambi kokufa kwakhe, uMormoni wabiza abantu—ngoko nakwixesha elizayo—ukuba baguquke. Izahluko 8–9 zibalisa okokuba ekugqibeleni yaba kuphela ngunyana kaMormoni, uMoronayi, owayeshiyekile. Wabhala imibono yokufa yokugqibela nendyikityha, ebandakanya isiphelo sabantu bamaNifayithi, kwaye wabhala umyalezo oya kwizizukulwana zexesha elizayo nabafundi bale mbali.