Uncedo lweZifundo
Hoseya


Hoseya

Umprofeti weTestamente eNdala awaprofetha kubukumkani obungasentla bukaSirayeli ngethuba lenxenye yamva yolawulo lukaYarobheham Ⅱ. Wayephila ngexesha lokuncipha nokuphanziswa kwesizwe, isiphumo sesono sikaSirayeli.

Incwadi kaHoseya

Umxholo wencwadi osisiseko luthando lukaThixo ebantwini Bakhe. Zonke izohlwayo Zakhe zazisenzelwa eluthandweni, nokubuyiselwa kukaSirayeli kuya kuba ngenxa yothando Lwakhe (Hos. 2:19; 14:4). Ekuthelekiseni, uHoseya ubonisa ukungathembeki nokrexezo lukaSirayeli. Kanti ke uThixo unako ukujonga phambili ekukhululweni kokugqibela kukaSirayeli (Hos. 11:12–14:9).