Uncedo lweZifundo
Manase


Manase

KwiTestamente eNdala, oyena nyana mdala ka-Azenati noYosefu owathengiselwa eYiputa (Gen. 41:50–51). Yena noEfrayim babengabazukulwana bakaYakobi (Sirayeli) kodwa babamkelwe njengabantwana bakhe baza basikelelwa nguye njengokungathi bangoonyana bakhe (Gen. 48:1–20).

Isizwe sikaManase

Inzala kaManase yayibaliwe phakathi kwezizwe zikaSirayeli (Num. 1:34–35; Yosh. 13:29–31). Intsikelelo kaMoses yesizwe sikaYosefu, eyanikwa kanjalo kuEfrayim noManase, ibhalwe kwiDuteronomi 33:13–17. Ilizwe labo abalabelwayo lalisentshonalanga yeYordan inxenye nasecaleni kwelikaEfrayim. Kanjalo babenamathanga empumalanga yaseYordan kwimihlaba yamadlelo atyebileyo aseBhashan neGiliyadi. Ngemihla yokugqibela, isizwe sikaManase siya kunceda isizwe sikaEfrayim ekuhlanganiseni uSirayeli ochithachithiweyo (Dut. 33:13–17). ULihayi umprofeti kwiNcwadi kaMormoni wayeyinzala kaManase (Alma 10:3).