Uncedo lweZifundo
Mphefumlo


Mphefumlo

Izibhalo zithetha ngemiphefumlo ngeendlela ezintathu: (1) iziqu ezingumoya, kunye kubomi bangaphambili nasebomini obungemva kobomzimba onokufa (Alma 40:11–14; Abr. 3:23); (2) umoya nomzimba zidityaniswe kumzimba onokufa (I&M 88:15; Abr. 5:7); kwaye (3) nomzimba ongenakufa, umntu ovukileyo umoya wakhe nomzimba zithe zadityaniswa azaba nokwahlukana (2 Nif. 9:13; I&M 88:15–16).

Ixabiso lemiphefumlo

Bonke abantu ngabantwana basemoyeni bakaThixo. Ukhathalele ngamnye wabantwana Bakhe kwaye uthatha ngamnye njengobalulekileyo. Ngenxa yokuba bangabantwana Bakhe, banamandla okuba njeNgaye. Ke ngoko, balixabiso elikhulu.