Uncedo lweZifundo
Asa


Asa

KwiTestamente eNdala, ukumkani wesithathu wakwaYuda. Izibhalo zibhale ukuba “intliziyo yakhe yayigqibelele eNkosini yonke imihla yakhe” (Ⅰ OoKum. 15:14). Ngexesha lokulawula kwakhe wakhulisela umkhosi kwimo yobuchule, waphosa kude idyokhwe yamaKushi, wasusa izithixo zobuxoki, waza wamema abantu benze umnqophiso bafune uYehova (Ⅰ OoKum. 15–16; Ⅱ IziKr. 14–16). Nangona kunjalo, xa wangenwa sisifo ezinyaweni zakhe, akazange afune uncedo lweNkosi waza wafa (Ⅰ OoKum. 15:23–24; Ⅱ IziKr. 16:12–13).