Uncedo lweZifundo
MaSamari


MaSamari

Abantu basebhayibhileni ababehlala eSamari emva kokuba ubukumkani bangasentla bakwaSirayeli babuthinjwe ngama-Asiriya. AmaSamariya ayeyinxalenye-yamaSirayeli nenxalenye yabeeNtlanga. Inkolo yawo yayingumxube weenkolo zesiYuda nobuhedeni. Umzekeliso womSamariya olungileyo kuLuka 10:25–37 ubonisa intiyo amaYuda eyathi yawakhulela ngenxa yamaSamariya ngenxa yokuba amaSamariya athi akreqa kwinkolo yamaSirayeli. INkosi yakhombisa aBapostile ekubeni afundise ivangeli kumaSamariya (Izenzo 1:6–8). UFilipu washumayela ngempumelelo ivangeli kaKrestu ebantwini baseSamari waza wenza imimangaliso emininzi phakathi kwabo (Izenzo 8:5–39).