Uncedo lweZifundo
Nyoka, etywinwe ngesinyithi


Nyoka, etywinwe ngesinyithi

Inyoka yobhedu eyenziwa nguMoses ngomyalelo kaThixo ukuphilisa amaSirayeli awayelunywe ziinyoka ezinobuhlungu (iinyoka ezinetyhefu) entlango (Num. 21:8–9). Le nyoka yobhedu yayixhonywe esibondeni kwaye “wayiphakamisa ukuze nabanina oya kukhangela kuyo abe nokuphila” (Alma 33:19–22). INkosi yabhekisa ekuphakanyisweni phezulu kwenyoka entlango njengomqondiso weNkqu Yayo iphakanyiswelwa phezulu emnqamlezweni (Yoh. 3:14–15). Isityhilelo semihla yokugqibela siqinisekisa ingxelo yeenyoka ezinobuhlungu nokuba abantu bebephiliswe njani (1 Nif. 17:41; 2 Nif. 25:20; Hil. 8:14–15).