Uncedo lweZifundo
Yoweli


Yoweli

Ngumprofeti kwilizwe lakwaYuda kwiTestamente eNdala. Umhla wobomi bakhe awuqinisekanga—unokuba uphile ngexesha elithile phakathi kolawulo lukaYowashe, phambi kwama 850 P.K., nasekubuyeni kwesizwe sikaYuda sivela ekuthinjweni eBhabhilon.

Incwadi kaYoweli

Incwadi ijonga indawo ethile yesiprofetho uYoweli awasenzayo emva kokuba ilizwe lakwaYuda lalibethwe ngembalela enkulu neenkumbi (Yow. 1:4–20). UYoweli waqinisekisa abantu okokuba ngenguquko baya kufumana kwakhona iintsikelelo zikaThixo (Yow. 2:12–14).

Isahluko 1 sisimelo sentlaganiso endilisekileyo endlwini yeNkosi. Isahluko 2 sibalisa ngemfazwe nentshabalalo eyandulela iMileniyam. Isahluko 3 sithetha ngemihla yokugqibela kwaye siqinisekisa okokuba zonke izizwe ziya kuba semfazweni kodwa ke ekugqibeleni iNkosi iya kuhlala eZiyon.

UPetros wacaphula isiprofetho sikaYoweli sokuthululelwa ngaphandle koMoya ngomhla wePentekoste (Yow. 2:28–32; Izenzo 2:16–21). Ingelosi uMoronayi kanjalo yacaphula kwalo mhlathi kuJoseph Smith (M—JS 1:41).