Uncedo lweZifundo
KwabaseKolose, Incwadi eya


KwabaseKolose, Incwadi eya

Yincwadi kwiTestamente eNtsha. Yayiyincwadi eyabhalwa kuqala nguMpostile uPawulos isiya kwabaseKolose emva kokuba wayendwendwelwe nguEpafra, umvangeli weBandla eKolose (Kol. 1:7–8). UEpafra waxelela uPawulos okokuba amaKolose ayesiwela kwimpazamo enkulu—ayecinga ukuba ayengcono kunabanye abantu kuba ayeyigcina imimiselo ethile yangaphandle (Kol. 2:16), ezivimba iimfuno ezithile zomzimba, kwaye enqula iingelosi (Kol. 2:18). Ezi zenzo zabenza abaseKolose bazive ngathi babengcwalisiwe. Kanjalo babeziva ngokungathi babeqonda iimfihlelo zendalo yonke ngokungcono kunamanye amalungu eBandla. Encwadini yakhe, uPawulos wabalungisa ngokubafundisa okokuba inkululeko iza kuphela ngoKrestu nokokuba simele ukulumka kwaye sikhonze Yena.

Isahluko 1 singombuliso kaPawulos kwabaseKolose. Izahluko 2–3 zingemfundiso kwaye ziqulathe iingxelo ngoKrestu njengoMkhululi, nengozi yonqulo olububuxoki, nokubaluleka koVuko. Isahluko 4 sifundisa okokuba abaNgcwele bamele ukulumka kuzo zonke izinto.