Uncedo lweZifundo
Intshumayeli


Intshumayeli

Yincwadi ekwiTestamente eNdala equlathe iingcinga zeengxaki ezinzulu zobomi.

Umbhali wencwadi, uMshumayeli, ubhala okuninzi kwencwadi esusela kwindlela yokubona kwabo bangenako ukuqonda kwevangeli. Ubhala ngokweemvakalelo zabantu behlabathi—oko kukuthi, abo “baphantsi kwelanga” (INtsh. 1:9). Okuninzi kwale ncwadi kubonakala kugxeka kwaye kubona into embi kwinto yonke (INtsh. 9:5, 10). Oku asikuko iNkosi ibeya kufuna sibone njalo ubomi kodwa njengokuba uMshumayeli athe waqwalasela okokuba izinto zibonakala njani ebantwini abangakhanyiselwanga emhlabeni. Eyona ndawo enomoya ngokugqithisileyo yencwadi ikwizahluko 11 nese 12, apho umbhali agqiba ngokuba into ekuphela kwelixabiso lanaphakade kukuthobela imiyalelo kaThixo.