Uncedo lweZifundo
Kubethelelwa emnqamlezweni


Kubethelelwa emnqamlezweni

Uhlobo lwamaRoma lokubulala, olwaluqhelekile ngethuba lamaxesha eTestamente eNtsha, kulo umntu ebebulawa ngokubotshelelwa okanye ebethelelwe ngezikhonkwane izandla zakhe neenyawo emnqamlezweni. Lwaludla ngokwenziwa kuphela emakhobokeni nakwezona ziphantsi izaphuli-mthetho. Ukubethelelwa emnqamlezweni rhoqo lwalukhokeliswa ngokutyatyulwa okanye ukubhexeshwa (Marko 15:15). Umntu obethelelwa emnqamlezweni ebedla ngokwenziwa athwale umqamlezo wakhe ukuya endaweni yokubulawelwa (Yoh. 19:16–17). Iimpahla zakhe bezidla ngokuthatyathwa ngamasoldati enza isigwebo (Mat. 27:35). Umnqamlezo wawutshoniswa emhlabeni ukuze iinyawo zomntu zibe kuphela lunyawo okanye ezimbini ngaphezu komhlaba. Umnqamlezo wawulindwa ngamasoldati ade umntu osemnqamlezweni uyafa, ebukuthi ngamaxesha athile kuthathe ukuya kwiintsuku ezintathu (Yoh. 19:31–37).

UYesu Krestu wabethelelwa emnqamlezweni Ngenxa yeqela labangakholwayo elambeka ityala ngoBuxoki lokuxhaya imfazwe ngokuchasene noKesare nonyeliso ngenxa yokuba Yena wathi wayenguNyana kaThixo. Ingubo ebomvu (Yoh. 19:2), isithsaba sameva, nezinye izithuko zazinikwe uYesu (Mat. 26:67; Marko 14:65).