Uncedo lweZifundo
Mnqophiso


Mnqophiso

Isivumelwano phakathi koThixo nomntu, kodwa abenzi njengabalinganayo kwisivumelwano. UThixo unika imiqathango yomnqophiso, baze abantu bavume ukwenza oko Yena abacela ukuba bakwenze. UThixo ngoko uthembisa abantu iintsikelelo ezithile ngenxa yentobeko yabo.

Imigaqo nemimiselo zifunyanwa ngomnqophiso. Amalungu eBandla enza iminqophiso enjalo athembisa ukuyihlonipha. Umzekelo, amalungu anqophisana neNkosi elubhaptizweni aze ahlaziye loo mnqophiso ngokuxhamla umthendeleko. Enza iminqophiso engakumbi etempileni. Abantu beNkosi ngabantu bomnqophiso kwaye basikelelwe kakhulu njengoko begcina iminqophiso yabo neNkosi.